Ibali lenkedama

Ibali lenkedama

Share

Am an agent of Simply under Old Mutual

25/09/2021

Azange abuyele k*m uAmanda ntonje ngokuhlwa sava ngesikhalo sikanina ๐Ÿ˜” waphaphatheka ugogo ukuya khona xayefika uAmanda udunduluze ebhedini umamakhe uyinto ibila phezu kwakhe ๐Ÿ’” isijwili esikrakra esinetha nophi na simbizela ngeneno ๐Ÿ’” yayingathi ugogo akasabuyi ukuze azondixelela ukuba kwenzeke ntoni ๐Ÿ˜” ndabona k*mane kurhwayizela k*mana ukugcwala ngeloxesha ndisisitompi sekhandlela ndithe gqi amehlo angekhoyo ngasemnyango ๐Ÿ˜” kwala ngezithuba zesibhozo kwafika iimoto ndazixelela ukuba inokuba usiwa esibhedlele ndithandaza umthandazo ongena amen ๐Ÿ˜ญ ndizibuza imibuzo yokuba inokuba kwenzeke ntoni kanene ๐Ÿ’” wade wabuya ugogo akufika zange akwazi uyicacisa ๐Ÿ’” ukususela apho wasuke wathi ndigqibele nini ukubona umalume ka Amanda ndathi andisayazi ๐Ÿ’” ndamngxixha ngemibuzo ukuba kwenzeke ntoni wathi akuphendula uAmanda uzibulele zange aligqibe ndasibeka sakrakra ๐Ÿ’” wazama ukuthetha nam ndathomalala ukuzama ukuva unobangela ๐Ÿ’” wacazulula ngelithi "uAmanda mzukulwana ubhale incwadana" ๐Ÿ˜” ndawarhola wathi ifundeka kanje " Mama ๐Ÿ’” ndiyayazi ubundithanda ๐Ÿ’” kwaye nam ndiyakuthanda ๐Ÿ’” into endayenziwa ngubhuti wakho ndiselusana elisaze ngobuso ezweni andingeke ndiyilibale ๐Ÿ’” ndiyaxolisa ngokuthatha isigqibo esinje ๐Ÿ˜” umalume ubemane endenza ixhoba lakhe lokundidlwengula ๐Ÿคจ kunangoku ugqiba kundiphinda nanjengoko bendisuka k*mfana ebendincuma naye ๐Ÿ˜” andizange ndikhone ukuxelela naban na usale ngoxolo ntombi yakwa Sikhoma" ๐Ÿ˜ญ bathi bakuthatha umnxeba wakhe bafika umalume wakhe emana ukuthi yizapha mfazi ๐Ÿ˜” bathi xabephenyisisa lomfana ebesuka kuye ubhale ngelithi " wena undenza isibhanxa uthi uli Virgin kodwa awulilo icacile nomngani wakho akalilo andsafun kwanto enawe hule ndini" wakugqiba wamblocker ๐Ÿ˜” ndakhamisa ndazixelela ukuba kungani umhlobo wam andifihlele into eyake yangaka.๐Ÿ˜ญ๐Ÿ’”

25/09/2021

Sithe sisakuqabuka ngak*mbi konokuya ๐Ÿคจ waxhuma umhlobam wafuna sibengonontorotyi abatshaya intsangu namakhwenkwe ๐Ÿ’” naam ndahendeka satshaya kangangenyanga ezimbini simana ukubethwa kodwa singeva ๐Ÿ‘Ž kwathi kusakusondela uDisemba kwacaca ukuba sinyukela ngasetywaleni kodwa siseneminyaka engaphantsi kwelishumi elinesibhozo ๐Ÿ˜” sasisithi xasisela namantombi atshiseke afune iindawo ezinamadoda ๐Ÿ’” sasingawona ma Virgin ke kwintanga zethu kwaye sasisaziwa ndawo yonke kodwa ngelinye ilanga wazixelela ukuba sisakunxila akazugoduka ๐Ÿ’” wafumana umfana amane ephuma naye phofu kengoku nam sendifunwa ngomnye ode athi xxayendicenga uzandigodusa ayondibeka egatin ukuze ndingaphatha phathwa kuba umnganam sele ethe phithi ngulomfana aphuma naye ๐Ÿ˜” ngoku andicengayo lo wayede andixelele nento zoba lamadoda apha abale ngathi kwaye azasilala onke ๐Ÿ’”๐Ÿ‘Ž ndatshutshumbiseka ndathi makandikhaphe kwangoko kwaye ndasola ndamvuma kodwa intliziyo ingathembi tuu ๐Ÿ˜ญ ndaphakama ndaphuma notywala kunye nalomfana umnyama kodwa unobubele ๐Ÿ’” sithe sisekude kufuphi ne gate ye Tarven ndabona umnganam egoniwe ukuphuma eGatin akasatsho kwak*m lowo ukuba uyahamba ndamkhwaza kwakanye wathi ubusy phofu utsho esiya phambili ๐Ÿ’” ndalila kuba kwak*mnyama wandithuthuzela umfana wandigodusa ndafunda isifundo kwaye ndazixelela ukuba uAmanda ulele nalamfana ๐Ÿ˜”. Ngosuku olulandelayo ndaya kowabo xandifika uthi akakho right uzoza ekhaya umamakhe uphangele ๐Ÿ˜” ndamshiya nyan nam sele ndingekho right kengoku kuba andiyazi noba mhlambi uzisola ngalento na okanye qha ndacinga ukuba nam ndizomduduza ndimomeleze lento yaziwe ndim naye ๐Ÿ’” ndafika ekhaya ndaxelela ugogo ukuba uAmanda uyalila kowabo xandimbuza yinton akaphenduli kodwa uthi uzobuyela k*m wandiphendula ugogo ngelithi nyamezela mntanam sithembe ukuba uzobuyela kuwe.๐Ÿ˜ญ

10/09/2021

- ngomso nzonibhalela zithandwa zam ๐Ÿ™โค๏ธ bendingena Phone.๐Ÿ˜ญ๐Ÿ˜ฉ

28/07/2021

Saqhubeka sikhula sifunda kunye kodwa ngelishwakazi akazange umhlobokazi wam andihlebele nakanye ๐Ÿ˜ญ ndandingazinto kwaye sasisithi xasithetha ngento yobuntombi (virgin) adikwe umbone angakutya ngamazinyo ๐Ÿ’” ngenye imini sisuka ebholeni kuze amakhwenkwe amabini amadala kwaye kucaca ukuba sekwelinqanaba lokuba ngu bhuti basicela sime ๐Ÿ˜’ ndajijitheka ndimxelela mna ndiyoyika kodwa yena wandibona ubuntwana wade waliphuhla ๐Ÿ˜” ndamangala kodwa ndabe ndinovalo ๐Ÿ’” sasineminxeba kodwa ndathi mna andinawo kwaye umhakhulu wam ungumntu ohlale ethukisa xayenondbona ndingabhubha ๐Ÿ˜ญ wandishiya lomfana ndayibona egodukayo ndamane ukunyeka ndafika umhlobokazi wam encume kwaye onwabile kubelekwana ndazixelela ukuba ndiyagoduka mnaa andikazixeleli ngale ayenzayo mna ndisenobuntwana nyan obu yena ebebubona ๐Ÿ˜’. Ndafika ekhaya ndabuzwa amahambo ndaxakwa kuphendula kuba ndaziwa ndisoloko ndibuya naye uAmanda phambi koba agoduke ugqitha ekhaya ndayiqonda mhlophe ukuba ugogo uzakuthi ndinamakhwenkwe.๐Ÿ˜ญ kodwa ubhuti wayi wangazelisa incoko yaphela kanjalo. Ndandimthanda ke umhlobam ndingafun nova ngaye kodwa kwakulukhulu aweyendofihlela kona.

23/07/2021

.ukujikelwa ligazi lakho

Kwacaca gca ukuba bathi bakufika ekhayeni umalume ka Amanda wacinga ukudlwengula umntwana.๐Ÿ˜ญ Wamoyikisa emthembisa ngok*mbulala kwaye uyakubulala nalomntu athe wazidina ngok*mbalisela ukuba wenze ntoni kuye. Zahamba intsuku uAmanda engumntu ophaku phaku osuke othuke noba sebonile ukuba kukho Umntu ozayo Kodwa akungena othuke ophule kwanto ayiphetheyo.๐Ÿ˜Œ Ndandimana uk*mbuza ukuba kwenzeke ntoni athi usuke wazibona enje ๐Ÿ˜ญ ngenye imini wandibiza umamakhe ezama ukundingcatsha ukuba ndimbona njani na uAmanda kwezitsuku ๐Ÿ˜Œ ndamtyebisela ngelithi nam andinalwazi ntonje akasenguye la Amanda ndimaziyo kwasemdlalweni ungumntwana obambekileyo asuke adikwe kwasithi ayokuzihlalela yedwa.๐Ÿ˜ญ Umamakhe zange abenamonde yilento Koko wase wamcingela ukuba ufike kwinqanaba lokwabelana ngesondo Kanti umntwana uphekwa esophulwa yilendoda ayibiza ngo bhuti awamshiyela ibele.๐Ÿ˜ญ

21/07/2021

Ukujikelwa ligazi lakho.

Ngethuba sisakhula ๐Ÿ˜” ndandinomhlobokazi wam owaye gama ngu Amanda ๐Ÿ™ wayehlala nomalume wakhe kowabo ogama lingu Msokoli kwakunye no Mamakhe ogama Sindiswa. Babehlala ngokuthula k*mnandi kangangoba kwakukuhle kunasekhaya kuba umama wapha wayesebenza koko ngelinye ixesha ndizive ndinqwenela kubesekhaya.๐Ÿ˜” Sasivana ke nomhlobo wam kangangoba sasisoloko sikunye njemba singontanga nje ๐Ÿ˜ kwenzeka ngelinye ilanga sayakudlala esgangenii upuca ๐Ÿ™ sabona ngomthinzi ozayo womntu ongutata kanti ngu malume wakhe. Asizange sibenavalo kuba sasiyazi ukuba uzakusikhuthaza malunga nobuhlobo bethu kuba ungulomntu uyithandayo into entle. Wathi akufika akabinguye lomntu simqhelileyo ๐Ÿ’” asizange simbazele amehlo kuba wafika seseithi ku Amanda makayombonisa ityiwa endlini ukuba ihlala phi na ngethuba umama ka Amanda wayesemsebenzini. Waphakama ke uAmanda wayibona indlela egodukayo wabe enxibe ilokhwe emfitshane walandela umalume ngasemva yangumkrozo ukuya ekhayen labo ndasheka ndizidlalela.

21/07/2021

Kubomi esibuphilayo zininzi izinto esijongana nazo kwaye akufuneki kwamntu onentliziyo engomelelanga ๐Ÿ˜ญ ewe kubabuhlungu kodwa xakucaca ukuba kukrakra namhlanje lila umcenge uThixo ๐Ÿ˜ญ umbonge ukuba makakugcine ukuze ubone iksasa lakho. Kaloku akusoloko k*mnandi kodwa ngokuthi unyamezele noko inyembezi aziphalali mihla le.

Want your business to be the top-listed Beauty Salon in Camps Bay?
Click here to claim your Sponsored Listing.

Category

Telephone

Website

Address


Philippi
Camps Bay