Ubomii buka Sisanda

Ubomii buka Sisanda

Share

This page is based on my story of a young lady

15/08/2021

Insert 3
Ubomii buka Sisanda

Linathi's pov

(Unyaka ebebaleka ibiyinyanga yesithandathu ngoku mna sendise rhawutini ndiyokugqibezela izifundo zam uba nikhumbula kakuhle bendisezilalini ewe bendikhona bendiyogqibezela naphaa ezinye izifundo ,bendiihlelli nje eroom.ini yam bendihlala ndedwa okwangoku kuthwe uyeza umntu enzohlala naye ,nyani Kee ndiye ndacinga ufowunela umama notata yaringa ...

Mama:Mollo mntanam .
Linathi:molo mama kunjani?
Mama:siyaphila kunjani kwelocala ?
Linathi:Nam ndiyaphila mama Uphii utata ?
Mama:usegadini utatakho ngaba unawo umyalezo okanye into of a uyithetha naye ?
Linathi:hayi mama bendifuna Njee uniqonda uba nisaphila na kwelocala usesikolweni u sisanda ?
Mama:kulungile Kee linathi .ewe usesikolweni usisanda akakukhumbuli Yhoo .
Linathi:Ncoohh mntana sekhaya kodwa ndizobuya phaa ngo November ngoku mama nalapha ndisajongelwa umntu endizokuhlala naye .umxelele usisanda nzokumbuyela nefowuni uzu ngamthengeli mama ndakcella.
Mama: kulungile Kee kodwa usisanda njena ungxole lamna ngefowuni .
Linathi:myeke mxelele lento ndiyithethayo qha .
Mama:Uziphathe kakuhle mntanam uyele uyokufunda apho ukuze nawe uzimele ufane nobhut wakho .
Linathi:ewe mama nzokunenza niziqhenye ngam Nina notata kunye nomakhulu .
Mama : umakhulu wakho akaphilanga linathi kodwa uyacenga Nina fundani nizokwazi ukumncwaba ngokwenu mntanam.
Linathi: kulungile mama mandikushiyee ubulisele kutata Kee ndanithanda .
Mama:siyakuthanda nathi .
(Ndiye ndacima ifowuni yam ,ndincumile ndinjalo ndajonga ixesha xa ndisithii kukhona kuqala iclass yam ndaphakama ndathatha I banana nencwadii ndahamba )

Continue....

15/08/2021

Continue....

Ubomii buka Sisanda

(Kuye kwaphuma utitshalakazi ebesifundisa ,usishiye nemisebenzi yasekhaya emibini , bendiihlelli Njee mna. Kwaza ooLihle no sive sahlala Kee wakhupha ifowuni yakhe u Lihle mna bendingenayo ifowuni umama uthe uzondithengela xa ndipasile ,nyanii Kee sadlala igame njalo .)

Sisanda:mna ndidikiwe yile game masiyiyekeni ngoku .
Lihle:Okusalayo ndiim owinileyo qhaa (encumile)
Sive:Nam Nam tshini ,uthini sisanda?(ejonge K*m)
Sisanda:Hayboo ndithii masiyekeni legame sincokolenii mnaa .
Lihle:Uyayazi bah kukenyanga izayo sokwenzelwa ukwamkelo apha eskolwenii Nina ?
Sisanda:hayi bengayaz mna wena sive?(ejonge kusive)
Sive:Mnaa bendiyazi ndixelelwe ngubhuti wam owenza ibanga le-12 .
Sisanda:Njani uSis'linathi angandixeleli mna ?(emangele)
Lihle:Hlambii ebefuna ukuxelela namhlanje kaloku khange ndimbone namhlanje eskolwenii uphi ?tshom
Sisanda:ukhona phaa endlinii ,mxim nzokumbuza ukwenzela ndizokuyilungiselella ,kengoku senithenii Nina iplans zikhona kuni? Ngolulwamkelo?(ebajongile)
Lihle:Ewe mna umama no Tata bazondithengella ilokhwe entle neteki .
Sive:Nam utata uzondizamela no malume .
Sisanda:Masidluleni aphoo khatshonge ixeshaa lihle ?
Lihle:Yhoo masambenii siyothatha oobhaka siyaphuma ngoku isikolo (sabaleka )

(Kuye kwabetha intsimbi sagoduka mna ndabalinda ngaphandle beza nyani senza igroup hug besivana ngathi asiqali ukubonana naba ndabathanda nyani ,ndiye ndahamba ndakhwela imoto yethu yayondibeka ngase khaya )

Sisanda:Enkosi bhut zuko (umqhubi)
Zuko:Hambe kakuhle Nana .

(Ndingene ekhaya usisi ese gadini ndaqala ndaya kuye )

Sisanda:Mollo sisi wam (encumile)
Linathi:Mollo yintoni wanwaba kangaka ngemini yakho yokuqala ?
Sisanda:Yhoo sisi ndonwabe nyani ndlella le bekumnandii ngayo esikolweni namhlanje .
Linathi:Ngase wonwabe kanjallo Kee mntase khaya ,masambee uyokukhulula ndikuncedise kumsebenzi wesikolo onikiweyo namhlanje.
(Siye sangena sobabini endlinii ndafika umama ebukele itv ndabulisa ndahamba ndayokukhulula)..

Ubomii buka sisanda 🖤🤲🏾

14/08/2021

(ndiye ndakhwela ibhasi ndaya eskolwenii Nyani ke safika safundiswaa ,kwabethaa intsimbii yokutyaa saphuma mna ndayokuthenga izimto ezimnandi Nyani ndafika)

Sisanda :Mama bendiicella undinike I gwinya ne frentsh yimalini?
Mthengisi:R5 ntombam (watsho sele endinika )
Sisanda:Enkosi mama.
Umthengisi:Kanene ungubani waphi wena ntombam ?
Sisanda:Ndihlala kwenye ilali Njee ekufuphi mama ndingu igama ngu sisanda tshawe isiduko .
Mthengisi: Kulungile Kee mntanam mna ndingu mancirhaa .
Sisanda: Ndiyabulella mama ngokwaz (ehamba )

(Ndiye ndayohlala kwindawo epholileyo ndatyaa igwinya lam kwathii gqi abanye abantwana ababini bahlala ecaleni kwam )

Abantwana:Mollo
Sisanda:Hello
Abantwana:Mna ndingu Lihle funda nawe Lona ngu sive Naye funda scela ukwazi nawe ?(babe bejonge K*m)
Sisanda:sisanda Nam funda Nani bendinibonile eklasini .(ekhupha iR5 ebanika )
Lihle :Nam ndinayo iR10 . Wena sihlee (emjonga)
Sihlee :Nam nayo iR5 masambeni siyothenga (satshoo sihamba sibaliselana uba singabaphii )

(Siye sathenga sabuya sahlala Satya sabe sincokolla banzi ngathii .)

Sive:Kengok wena sisanda ubujola eprizo?
Sisanda :ewe qhaa bendisenza njee ndisakhula kaloku wena ?
Sive:yhoo mnaa zange ndandihlekwa eprizo(ejonge KU lihle)
Lihle :Whuu wena kaloku wawuncwasa kwamjita eprizo (ehleka )
Sisanda:Hayibo(ehleka )

Kuye kwabethaa intsimbii sabuyela eziklasini

Continue....

14/08/2021

Insert 2
Ubomii buka Sisanda

Sisanda's pov

( Bekusekusenii ngomvulo ezintsukwini niyayaz moss yiminii yesikollo ,ndiivuswe ngu Tata ngoba yena ebesiya edolophinii .nyanii Kee ndiye ndavuka ndahlambaa ndatya umama sele evukile Naye ingusisi wam no makhulu abengekafukii ,ndiye ndambuza Kee umama uba kthenii esalele usisi?)

Mama: Uthii akaziva kakuhle usisi wakho umshiye namhlanje.
Sisanda:kulungile mama (utsho sele ehamba)
Mama:hima nantsii imali yokutya kwakho mntanam (emnika I R20)
Uzutyee ke mntana kamamakhe ndiyakuthanda .
Sisanda:(encumile)Nam ndiyakuthanda mamam .

Ndiye ndahamba kenyanii ndamshiya umama eqoqoshaa izityaa.

Continue....

14/08/2021

Insert 1..

Ubomii buka Sisanda.

Igama lam ndingu Sisanda Velase ndineminyaka elishumi elinambini ndenza ibanga le sibhozo , ndizalwa ngu Khayethu Alicia Velase utata wam ngu Mbulelo Velase ,sizalwa sibane ekhaya owokuqala ngu bhuti Siyabonga yena uneminyaka engamashumii amabini anesixhenxe(27) uyasebenza ,kulandele ubhutii Zusakhe yena usafunda eyunivesithi uneminyaka eyy(23)ufunda unyaka wakhe wokugqibela ,kulandele usisi wam uLinathi yena uneminyaka eyy (19) wenza unyaka wokuqala eyunivesithi .Kubekho umakhulu wam Martha Velase sihlala sonke endlini kodwa ngobhuthi abangekhoyo kodwa bayabuya xa iziholide .

14/08/2021

Ubomii buka Sisanda😭🤲🏾👈🏾

14/08/2021

Introduction...

Eli libali lika sisanda libalisa ngokukhula kwakhe aphe athe adibana nemeko ezithile ,Eli Bali lela sezi lalini kunye nasedolophini Kanye njalo ,kwaye elibali liyafundisa liyakha ngobomi buka Sisanda .

Ndizocela nihlale namii nisezova NGO Sisanda .

Want your business to be the top-listed Beauty Salon in Oudtshoorn?
Click here to claim your Sponsored Listing.

Category

Telephone

Website

Address


Dubey Street
Oudtshoorn
NONE