Kolunga nini kum
Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Kolunga nini kum, Health/Beauty, Salt River.
Umboniso 13
Besele ndilila ngoku hai Noko ndonele yilempilo kaloku nam makhe ndonwabe Noba kukancinci ndingasoloko ndilila...
Into ibisengqondweni yam mna ngoku yimfundo qha hai ezinye izinto
Ndivuke ekuseni ndingazi Noba bendileli Nini na... Iworse ba ndivuke no mzwa ekhona
Mzwa:hii ntombi uleli njani namhlanje
Mna:kakuhle
Mzwa:Ohhh haiker mandikushiye bendizonijonga nje qha
Mna:bendicela ubuyela esikolweni kunyaka ozayo ndiyakucela myenam ndizokwenza nokuba yintoni othi ndiyenze xasuke wandibuyisela esikolweni ndiyakuthembisa angek...
Mzwa:whoa whoa phefumla nontombi uzakufa...thetha Ker ithini
Mna:bendicela ubuyela esikolweni kunyaka ozayo
Mzwa:njani ufuna ubuyela esikolweni kodwa unomzi kwaye wendile sewungumfazi ngoku
Mna:ndiyakucela hler Noba ndiphelele ku grade 12 ke nditsho ndiyeke
Mzwa:ndithembise into enye ke nontombi
Mna:nokuba yintoni ndiyakuthembisa
Mzwa:awuzukubale uhlala apha ubuya esikolweni uza apha awuzami ne qhinga lobaleka Kuba ukuba uke wazama ndizokufumana ukufumana Kwam ndizakukubulala uyeva
Mna:ewe ndiyakuva soze ndizame ndiyakuthembisa
Ithe xasigqiba kuthetha waphuma wahamba wayohlamba mna ndabe ndiyokosula ubuso ndabe sendihlamba nama zinyo wam gqiba Kwam ndayokwenza isidudu ndaphaka ndayobiza ugogo walapha azotya nonyana wakhe
Batyile bagqiba ndahlamba izitya ndabuyela e kamireni yam ndayohlamba ndaphindela ezantsi ndiyokubukela itv Kuba kusikoni apha akufane kungcole
Ibingathi ezinyanga zishiyekileyo azihambi tu nalemini ayihambi akutshoni nelanga Eli yhooo ndizoya kudala esikolweni ngendlela endingxame Ngayo ndidikwe nayile ndlu ekudala ndizivalele kuyo yhoo ekugqibeleni ndizode ndiyifuma e into endiyinxanelweyo
Gogo:yhooo ibe yintoni na lento ikwenza wonwabe kangaka
Mna:hai bubomi ke yazi akhonto ingako...khame ndiyopheka
Ndihambe ndayopheka ndabe ndiziculela ingoma eviwa Ndim ndedwa ithe ukugqiba Kwam upheka kwabe sek*mnyama ndabaphakela batya Umntu nonyanakhe mna bendihluthi andazi Noba yintoni le indihluthisileyo
Umboniso 12
7 month later
Umzwandile ebengahlali apha ebehlala e Alvan eberenta ngokutshiwo kwalapha...mna bendihlala apha Kuba ndendiselwe apha ngu makazi u novume kodwa bekunzima ulala apha ebusuku
Bendihlala nomnye umama ke apha ebesegugile kodwa hayi kakhulu...bekunonogada apha
Mna:Hee gogo u tata umzwa ubuya Nini kanti Yena
Gogo:ubuza k*m ?
Mna:ewe gogo
Gogo:ngendimbuza kuwe Kuba ngumyeni wakho ke yazii
Mna:Ohhh ouky(yhoo bendidikwe kukuhlala apha ndingafundi ke yazi...into ebendimfunela Yona umzwa kuk*mcenga ukuba andibuyisela esikolweni qha Noba ndingamphinda u Grade 10 andinangxaki mna okusalayo azofezeka amaphupha am)
Ndiqonde nje ba mandiye egumbini lam ndiyokuzilalela...(apha Ker ndanqandwa ngento yokuthandaza bendingathandazi bendilalanje ndivuke )
Mna:(bendizicingela ngobomi bam)ndoze ndiphume njani apha?kofuneka ndihlale apha until ndide ndigqibe isikolo ba kuyagqibeka phoff Kuba Andaz Noba ndoze ndiphinde ndiye esikolweni
Ndilale kwade kwasebusuku ndivele ndakhanyisa ngesibane NDA hlala ngempundu ndabe ndithule
"Heyyy wena awuboni ukuba kusebusuku wabe ukhanyisile njer
Mna:cwaka
Ndive ngempama eshushu ingena k*m ndingacingelanga tuu
Khange zehle tu inyembezi
"Ungakhe uzokundilinga mna ntombazana ndini engenasimilo"
Uthe xakegqiba kuthetha wacima apha kweligumbi ndikule waphuma wahamba
Zivele zazehlela inyembezi k*m kodwa bendingazixelelanga ngolila tu
"Mamá" ingabe uphi nar xase kunje k*m nawe undijikele...phofu andimangali Kuba nakhetha ukundishiya apha azange nazama nokundikhangela okanye ukuzondijonga ukuba ndihleli njani apha iminyaka yam iyi 15 kodwa andazi kwanto ngabazali bam "tata" ingaba uyandazi nar kutheni ungaze ucinge ngam nar Kanti mna andifanelwa kukonwaba nar apha empilweni yam...niyayazi ukuba kubuhlungu ukhula ngaphandle kothando lwabazali bakho abakuzalayo niyayazi ukuba ndilala ngenyembezi ndiphinde ndivuke ngazo...niyayazi ukuba kukutya Kwam oko kwemihla ngemihla ...aninalo nelincinci na usizi ngam na bazal
Umboniso 11
Uphumile loh Tata sana akazanga nako nokutya apha rhaaa ndiqonde njer makhe ndilale kancinci ndizovuka late kaloku ndileli kabuhungu pha emakharibhothi ase town
Ndilele ndavuka sek*mnyamanyana ngoku yhooo indlala Yona indithini iworse ba andifuni nokuhlala apha umoya wam awuvumelani tu nalendawo
"Ndanikwa I neckless pha kulamanzi eshayina enomqamlezwe entle nje ndingumamthandazeli kodwa ke ndiphinde ndibe kwasiso nesangoma "
Ndivuke ndehlika ngezi teps ndaya ezantsi Fike kungekho kwamntu ndiphakile ndatya ndahlamba isitya Sam ndenyuka kwakhono ndaya e roomin yam endiyinikiweyo
Ndifike ndahlala ebhedini ndakude ngengcinga
"Ingaba ngubani umama wam okanye utata wam kwaye bandishiyelani nomakazi kwaye baphi ababntu ekuthiwa ngabasekhaya ngu makazi inoba badla u soft life apho bakhoyo mna ndihluphekile nje apha oko mna ndedwa ndanxiba amadlavu andinakwanto enditothi yeyam okanye into endithembele ngayo andinamva andinaphambili njee kobu bam ubom baphi na abazali bam xakunje niphi bazali bam nithi ndizokuhlangulwa ngubani apha xandinga hlangulwa nini heee wena Mama uba unguye uhlala undivelela oko undingxolisa kanti mna ndenzeni kulomhlaba heee kolunga nini k*m k*m yazi ndiyanizonda bazali bam"
Ndithathe iphepha ebelilapho ndazama nento yokubhala ndazizoba ngoku ndilila ndidumbe nokudumba apha ebusweni
Gqiba kwam ndaphinda ndayolala "mntanam asikulahlanga kwaye soze sikulahle qha ntonje sicaphukiswa zizenzo zakho ubuyele ntoni kulomzi ukuwo uyawuqonda njer phofu ukufitshane ne 18 sebezakuthwala ngawe njengokuba nam bathwala ngam bandenza isithunzela sabo umnye qha mntanam umnye nguwe wedwa onokundikhupha apha Zama icebo uphume apho okanye uzakufela apho"(ujike wandinika umva lo sisi sana mxm noba ndingafa kuba abazange bandithanda kakade )
Ndivuke ekuseni ndayohlamba ndabuyela k*madlavu am ndanxiba ukugqiba kwam nda Bamba I neklecce yam ndathandaza Koko ndithandaza sana ndive izinto ezikhalayo ezithi ziyatsha akhange ndihoye kwanto oko ndithan..
Ndide ndaphuma emanzini ndahlala nje iveki enye qha kwaye ebendithandile amanzi omlambo sana bendihlala esitratweni ke mna ngoku kuba andinayo indawo yokuhlala inzondo Yona ibisiya isanda ngak*makazi wam
"Heyy wena njandini yomntana uhleli apha akunini sikuzula kunini sikufuna"(ndithe xandimjonga yilenja ingumakazi wam ibindithengisile ukwenzela latata ayokuthwala ngam ukuze abe sesi sityebi afuna ukubasiso umakazi wayinikwa imali ngulatata)
Mna:undifuna undisaphi ngoba klk wena awukhathali ngam so hlukana nam
Makazi:hai rhaa sukundiqela wena uyayazi imali endiyinikiweyo njengokuba wena unengcinga zakho ezingabhadlanga buyela k*myeni wakho
(Ndiphakame apho bendihleli khona indlala nayo isitsho sana ndijonge umakazi ethatha iPhone yakhe ephonela umzwandile azondilanda apha )
Mna:makazi ndikwenze ntoni lento undizonda kangaka ndikwenzentoni hee!!(bendingxola ngoku ndithethayo )
Makazi:heyy wena ungakhe ulinge uzondigxolisela phakathi kwabantu abangaka uyeva nkedama ndini
Mna:awukandiphenduli makazi
Makazi:umama wakho wayethandwa kakhulu ekhaya ethandwa ngu Mama nangutata enikwa yonke into ayifunayo mna ndinga hoyiwanga(ephuma inyembezi)
Mna:ngoku waqonda uzondithengisa ukuze ufumane imali ngam (nam bese ndikhala ngoku abantu bejonge kuthi ngoku yhooo kungegcwele)
Kufike lenja sana yandiqhwaba ngeyona mpama ndayowa phantsi ndabona inkwenkwezi sana kwabe kuphuma igazi empumlweni yam
"Mamela apha wena mntana ndini ndikukhuphele imali hayi imalana uyeva ubuyephi lonke elixesha"
Mna:bendis...
Mzwa: save it ngena emotweni sihambe ngoku
Yhooo ndingenile kulomoto sana ndinjalo ligazi ndilile ndade ndazithulisa
Sifikile kulomzi unezothe nabantu bakhona abane attitude ezingacacanga
Mzwa:ambongena e roomin yakho wena ngoku
Akhange ndiphendule ndivele ndenza le ndiyithunywayo
Kufike esisikhohlakali sana ku kamere
Mzwa:ubuthi angeke ndikufumane ne ohhh Shem askis uyeva ubukhe waphinda wenza lanto ubuyenzile uzokufa uyeva
Mna:ewe Tata ndikuvele
10 likes guys ndizobhala😥❤️🥺
Umboniso 10
Ufike wayigalela impama kwashushu ubuso bonke zivele zazehlela inyembezi zam hai wandibetha owam umyeni ba undibethelani nam andazi
Mzwa:ungaze wenze into ephambeneyo Kuba soze uphumele uye mna:ohhkk
Waphuma sana owam umyeni ndabe ndicinga nento yasemlanjeni ba namhlanje kufuneka lithi litshona ilanga ndiBe ndingekho kwalapha
Ndiqonde makhe ndizicenge ndiyohlamaba kwenzela ndizohamba kuse early noba ixesha belibekiwe limkile
Ndihlambe ndagqiba nda nxiba I mpahla zam bendize ndizinxibile ndazama ukuphuma ngelakhi ifasitile azinayo i bugler ndatsiba lo fesitile ndabaleka ndifike i geyt ivaliwe sana ndakhe ndaxakwa
Ndibone seyizivulekela kwangena imoto ndasithela ngesihlahla yagqitha ndabe nam ndiphuma ingeka valeki
Ubungafunga ukuba ndiligeza sana indlela bendibalela ngayo apha kulendawo ndingayaziyo kodwa indlela Yona ndiyibonile ba kuhanjwa njaniii
Ndide ndafika emanzini omlambo ndawubona nalo kuthiwa mandiye kuwo ndiqale ndawabiza amaqwatho oodikela ezika tata ndazitsho nezikamama ezamavundle oobhay ukugqiba Kwam ndathandaza ndaya kancinci kancinci phambili ukungena emanzini
Yhoooo ebebanda ceke sana Amanzi akulomlambo sana kodwa ke bendingenayo enye indlela ndizincama ndangena ngaphakathi kuwo
Uvalo belugogoza ndicinga nokuba ndingangabuyi apha amaphupho am azakufezekiswa ngubani
Kodwa ndikhawuleze ndayeka ucinga...
PAM zacima izibane k*m sana emanzini
Ndizobhala ksasa ke zthandwa zam
to
Ndini thanda nyanyan❤️❤️😘❣️
Umboniso 9
Kuye kwakhana lento ethi mandiyojonga apho kukhalwa khona ndiqale ndalahleka kqala kodwa ndide ndayofika ndifike abantu beleli phantsi bonke sana kuvuke ixhego sana (umyeni wam )
"Yheeey wena mntana ndini ubusenzani pha kwelagumbi
Mna:okhonto bendiyenza mna bendilele(Yhooo hai bendothuke nyani kengoku kuphele nokokuphola)
"Jonga apha ndingu mzwaypheli kemna andiqhelwa zekenje uphinde uthandaza apha ndaku kwenza into ongeke uyicingele
Iyhooo kukhona na apho kungathandazwa khona?
Mzwaypheli:hamba apha uye egumbini lakho uyolala uzikhiyele uzekenje unze apha okanye unyonyobe ubone into zakwam ndizakukubulala mna kutheni ingathi ungxamele ukubayingxaki nje
Andphendulanga tuu ndivele ndaya egumbini lam ndakhiya ndangena ezingubeni ndalala
"Kuzomele ukhawuleze ukuphuma apha imini yakusasa ikutshonele ungekho kwalapha
Mna:ndizoyaphi Kuba umakazi akafuni nondibona
"Uzoya emlanjeni mntanam ufike ukhwaze iziduko zam nezikatatakho uze ungoyiki ke Kuba uzokungena ngaphakathi emlanjeni uzokubuya uzokufezekisa amaphupho akho
Mna:yhuu emlanjeni Yhooo okay tjooo haikengok iphinde ibenomlambo ndingofileyo
"Zizokukhusela izinyanya zakokwenu kodwa kusasa uze uvuke ngenjixukuxa ulungiselele uhambo lwakho Uya k*mlambo wase gqili ungalibali ukuthandaza ke
Mna:ohhh
Koko ndithetha nalosisi sana sizihlelele apho kuzolileyo khona okungathi kusezulwini
Ndivuke ngenzulu zobusuku kaumnya apha kodwa mna bendingacimanga and bendikhiyile
Ndive izinto ezithetha apha andazi noba zintoni kodwa bekukule room apho kuthethwa khona
Ndivele ndacinga ukuba ha.a ngumoya omndaka Lo mandi thandaze tjoo kwavele kwalayita sana ba ngubani ñam andazi ndivele ndabila kukoyika zazehlela inyembezi mzuzwana kwacima kodwa akukho mntu pha esibaneni
Ohhh bawo nafa kungokosi nokusa aku Yhooo hai sana ndafela kwa mzwaypheli hai thethelela nkosi
Kukhawuleze kwasa sana ndingeka lali no Lala Koko bendothuswe ngulambono wesibane
Kuvuke ucango kwangena umyeni wam ehambela phezulu wafika wayigalel
"Kufuneka uzame indlela yokuphuma apho kwAagethub ungalibali ukuthandaza mntanam ndakupha Igama elingu yimithandazo kuzofuneka ulandele Igama lakho umakhulu wakho waze wakupha elika Asalinto kungoba wayekuthanda...thandaza mntanam thandaza (belisiya litshona ilizwi lalomntu ndingamaziyo nokuba ngubani)
"Ohhh thanks God uvukile
"Yhooo usothusile nana awavuka tu nangoku sesikuncula ngencula awuyiva tu sesibize nenqwelo yezigulane"
Mna:ohhh(ophole uOhhh wam)
"Yhuuu awumhle sisi ndicela ubengu sisi wam
Mna: okay enkosi (andimjonganga nomjonga ngoku athethayo kodwa ilizwi Lona lelomntana)
"Umhle nyani ke sana kodwa le uyenzileyo ayikufaneli tu yokuba uzotshatela exhegweni
Mna: exhegweni?(bendi lost nyan kengok and ebendilahlile)
"Yhooo hehake utshatile wena utshatele emampingeni
Mna:Yhooo(hehake andiphole sana endaweni yokothuka ndivele ndatsho NGO Yhooo obandayo)
Omnye wabo ebekudala ethule:ummm ndiyakusizela shame
"Uzenzile akakhalelwa uyodibana nembila zigoduka phof sekwagqitywa tu ngathi
Mxm bebendibhora mna ngoku bekungomama abathathu nomntana oyintombazana ababhuti bebeyondilanda ekhaya bebephumile
Bathethe into zabo bagqiba baphuma kulendlu ndikuyo Yhooo belilihle igumbi nali man
"Ohhh my sweetheart sowuvukile phof ndivile ezantsi ba uvukile..ehh mna ndingumyeni wakho ke ndinabafazi abane uzobangowesihlanu ke wena ndinabo nabantwana abadala le kuwe"
Mna: okay
"Awulambanga?
Mna:nop ndihluthi
"Okay
Waphuma sana umntu omndala lixhego kodwa eliya Yhooo ngumyeni wam Yhooo ndivele ndayihleka sana endaweni yokuba ndilile...ndikhiye umnyango ndathatha Amanzi ebesejagini ndawabeka phambi kwam ndaqalisa uthandaza yhey ndawutsho udlabevu lomthandazo ndade ndabila ndaqonda andizuyeka tu
Ndive izikhalo bezisitsho apha kulendlu and bayakhala abantu sana baphi bayatsha ndingazi noba batshiswa yintoni ndithandazile kwade kwamnyama njengokba ndiqale kusakhanya esidaleni ndiyekile uthandaza
Kwakho Lanto ethi mandiyojonga apho kukhalwa khona ndiqale ndalahl
Umboniso 8
2 month later
Bekunzima ngeyona ndlela ekhaya ngoku bekungamnandanga tu
Makazi:yhuuu elivila lomntana lisapheka ngoku ndilambe kangaka mna.
Mna: cwaka
Makazi:jonga apha ke Nono ndifuna uhlambe namhlanje ubemhle Ina N**i impahla ozazinxiba(endinika i plastic enempahla)
Mna: enkocii makazi ngempahla (yhoo bendivuye ngeyona ndlela kaloku mna zange ndakhe ndanxiba impahla entle okanye entsha)
Makazi:Yhooo awavuya sana khawuyohlamba uzobanamandwendwe namhlanje... upheke kamnandi Ker )
I wonder mandwendwe nibaluleke ngantoni de ndithengelwe impahla entsha
Bekuyilokhwe emnyama endibambayo kakuhle indifanela nondifanela netop entlana ne jean emnyama bezintle zona shame neteki Ker zamavovo ezimbini
Ndenzeni ngokomyalelo kamaka ndahlambe ndanxiba impahla zam ezintle ndabe ndigqibile no pheka sendihleli nje ngoku
"Kqo nqo"
Mna:ngena
"Unjani nontombi...Yhooo awusemhle yhee bafo Nguye lo kuthethwa ngaye"
"Inokuba Nguye ...kodwa ubonakaka emncinci nje"
Andisamangelanga sana abantu bangene nje bahlala bancokola intetho endingayivayo nokuba iya ngaphi
Makazi:Yhooo senifikile molwenini ke
Bona:eweke
"Sihambele kulantetho yethu kodwa ubonakala emncinci"
Makazi:hai hambani naye akamncincanga Noko sekezovala ne 20
Haibo umakazi unjani ni na uyaphi lentetho yakhe Kanti
Makazi:ningakhululeka ke nanku umntu nimfumene usemsulwa
Omnye:hai nam ndiyayibona lonto ..Ina ke sesicela indlela .
Bekuyimvulophu e brown ekhukhumeleyo
Omnye:phaka sambe ntombaza
Mna:ndiyaphi?(ndibambe nenyembezi sana)
Makazi:ungakhe ulinge uzondihlaza mna phakama uhambe
Baphume nam ndilila ndinjalo bengelslo nolosizi bengasiva nesosikhalo Sam
Ndilile ndade ndabiwa nabubthongo
"Hai hai ulilela ntoni Asalinto kutheni ungathandazi yimi njer yimi qina mntanam sukubalibhetye bhetye apha thandaza izihlwele zakuni nomkhuseli wethu uyesu yimithandazo sukubdenza kanje mntanam ndifuna ukuphumla mna kuzofuneka uzikhusele Kuba unawo namandla okuzikhusela kuzofuneka uzame indlela yokuphuma apho kusel
Ndiliyeke ner elibali?🥺🥺😭
Continuation
(Bendinganawo Kwa umdla kamakazi ke namhlanje)
Makazi: okay ke khawuyondenzela iti
(Akhange ndivule Kwa umlomo wam ndivele ndaya endlini ndayokuyenza)
Sindiswa:ube sowundenzela nam ke nontombi iti uyeva
Mna:cwaka
Sindiswa:ufane awandiphendula uzakundenzela iti uthanda ungathandi
Aphilise:linto molo
Mna:eweke
Sindiswa:iyhoo inoba ndenzeni na mna ndangaphendulwa phofu andikhathali mna qha Leti uzayenza
(Ebendidika sana mna u sindiswa kakhulu no Aphilise ebedika olwakhe qha yena hay njengo sindiswa)ndenze ti kamakazi ndayomnika ndebuya ndazokwenza eyalento idikayo ndaynika
Makazi: Asalinto!!!!!!(ebendikhwaza ebephandle kaloku Yena)
Mna:makazi!!(bendisabela)
Makazi:thatha ke izinto zakho uyozihlamba bekungekho namnandi ke sana okukutya kwakho i worse iti yakho ayibilanga iyakrakra ingathi ugalele intelezi sana
(Akhange ndimphendule ndithathe ebediyozithatha ndazihlamaba)
Sindiswa:rhaaa uyasityisa inyoso ungathi bekuyintoni na le bendiyitya apha itiya ephole mpo.
Mxm khonto imnandi kusindiswa kakade andothuki nto
Makazi:hlambani bantwana bam ndizonikhupha namhlanje niyeke ukutya lento iphekwa apha endingazi nokuba kukutya okanye(ebethetha nabantwana bakhe)
Benze ezonto bebezenza baphuma sebebahle sana abantu
Makazi:uhlambe ke nontombi upheke
Mna:okay makazi
Bandishiya apho...enyanisweni bendibuhlungu ukushiyeka abanye babe behambile beye esolophini (bendine R5 ebendiyi chole ndiye ndayithatha ndaya eShop )
Endleleni eya eShop
"Exee Bby girl ugrand"
Mna:cwaka
"Yhooo awukwazi kuthetha na wena utsho Ngo nuka"
Ndivele ndacaphuka nenyembezi bendizibambile ba zingaphumi
"Jonga man masiye pha Kwam nsizok'hlambisa uyeke unuka
Mna:(ndabe ndizidlela u cwaka ndade ndayofika eShop ndathenga izi naks ze R3 ezinkulu ne ice ye R1 ndagoduka ndaya ekhaya ndapheka ndabe ndizityela izinaks zam Kuba i ice Yona ibiphelile )ndipheke ndagqiba ndade ndatlina indlu dololo ukufika abantu bomzi kude kwamnyama (ndizibele ukutya endizakutya phambi Koba ndilale)
Click here to claim your Sponsored Listing.
Category
Website
Address
Salt River
